Luzuko Pongoma
Ulutsha olumnyama luzifuma lunoxanduva olulongameloyo nkalo
zonke ebomini balo. Kwabo sebekhulile
olu lutsha luzalwe ngeminyaka yama 1980s lubonakala njengabantu abonqenayo abangazimiselanga
ntweni.
Kaloku, olu lutsha luzalwe ngeminyaka ye 80s, luzalelwe ku
Mzantsi Afrika ubuphantsi kwengcinezelo, yabantu abamnyama ngabamhlophe. Kodwa
luthe xa lusithi dlundlu, lufikisa yafika inkululeko.
Inkululeko leyo ke ifike nezithembiso ezininzi eziquka,
imfundo efelefele, imisebenzi ephucukileyo, nobomi ubungcono.
Ngokweze politiki luye lwakhona lona utshintsho, abantu
bakhokelwa zinkokheli ezimnyama kodwa wona amathuba awavulekanga ngoluhlobo
uninzi lwabantu belulindele ngalo. Ingcinga yokuba amathuba ayimfumba kodwa iye
yaqhubeka ibhebhethekiswa. Lento yokungakhuleli phantsi kwe ngcinezelo nokubhebhethekiswa
kwentetho yakuba amathuba afele, yenze ukuba kulindelwe lukhulu kolu lutsha. Lemeko yenze ulutsha lube
kwisimo esifuna ukuba lujike amatye abezizonka.
Ngenxa yoxizelelo ngokulindeleke ngakubo, olu lutsha
luzibhaqa luntyumpa ntyumpeka kumatyala kuba luzama ukufezikiza iminqweno nezithembiso.
Phofu ke eminye iminqweno ingeyoyabo,
iyeyabazali. Lento ke yaphinda yongezelelwa lukhuphiswano no ntanganani. Uninzi
luzibhaqa lungaphilanga ngokwase moyeni nase ngqondweni lufunyanwa zizigulo
ezayamanelene no xinzelelo namaxhala. Luthi ke ulutshwa lwakuthetha ngalemeko
lu nyenjwe lukwekwe ibethelwe buyaba imeko yabo. Ibhelu lomsele ne ziyobisi ziye
zayi ngubo yozibopha amanxeba, nto leyo eye yakhokela ekuphileni ubomi
obudlakadlaka ebukhokelise ukwanela obuza msinyane futhi kuhlale ithutyana.
Besaphila obubugxwayiba bobomi bungenasiphelo siphuhlileyo,olu
lutsha lutshovelwe enzulwini yesiziba ngu bhubhane I COVID 19 oye washiya
uninzi luphelelwe yimpangelo abanye bethotyelwe imirholo.
Lento iye yongezelela uxinzelelo ngakumbi ebomini bolu
lutsha. Iziyobisi ezifana no tywala, ebebezisebenzisa njengomthoba ntliziyo
nazo bezivaliwe. Ezo bezithengiswa bezifumane nge ntyunkula yemali futhi
usaphula umthetho.
Ubomi besantya esiphezulu obungahambiselaniyo nokubase
mpilweni buvele bama bhunxe kungakhenge kubekho saziso.
Lo bhubhane uye wabhentsisa impilo egwenxa ephilwa lulutsha,
into efana nokuphila ubomi obungaphezulu kwemali umntu anayo, ubukhoboka
ematyaleni. Ukuzinikela kutywala nakwiziyobisi, nokungakhathaleli imizimba.
Ulutsha kumele luxoze mphini wumbi ukuze lizokwazi udlala indima ecacileyo
elizweni. Kumele lufunde luphinde luphuhlise ubudlelwane lwalo ne mali. Ulutsha
kumele luqhaphele indlela ubomi balo elububeke esichengeni ngenxa yokubeka
“ubumnandi” phambili. Nangona amanani akhutshwa zingcali esithi abantu
bazophila ubomi obude, ingaba ke luzophila ubomi obude obukwiqondo eliphezulu
na xa bewuxhaphaza kangaka umzimba ebutsheni babo.
Indlela eya phambili icacile kumele ulutsha luguqule indlela
eliphilangayo ubomi nedlela elibujonga ngalo. Lumele luguqule indlela ngokwasempilweni
alukwazi kubuyela kundalashe ngenxa yalobhubhane. Kumele ke luthathe elithuba
luguqule namanye amacandelo obomi balo.
No comments:
Post a Comment